Judges 1:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Adoni‐bezeke wati: Okumkani abamashumi asixe̔nxe, abanqunyuliweyo izitupa zabo nobontsi babo, babebuta imvutuluka pantsi kwetafile yam; njengoko ndikwenzile mna, utixo upindezele kum ngokunjalo. Baza bamzisa e‐Yerusaleme, apo wabuba kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjenjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAdoni-bhezeki, Ookumkani abangamashumi amathandathu aneshumi ababenqumla oosithupha bezandla noobhontsi behlanganisana phantsi kwetafile yam; njengoko ndenze ngako, wenjenjalo uThixo kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.