Judges 10:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAZA kwavuka emva kwo‐Abimeleki, ukusindisa o‐Sirayeli, u‐Tola unyana ka‐Puwa, unyana ka‐Dodo, indoda yakwa‐Yisakare; waye yena ehleli e‐Shamire, entabeni yakwa‐Frayime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva koAbhimeleki kwavela uTola, unyana kaPuwa, unyana kaDodo, umIsakare, ohleli eShamire ezintabeni zakwaEfrayim;wawasindisa amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koAbhimeleki kwesuka wema uTola unyana kaPuwa, unyana kaDodo, indoda kaIsakare, ukuba awakhusele amaSirayeli; yaye wayehlala eSamire kweleentaba lakwaEfrayim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koAbhimeleki amaSirayeli akhululwa nguTola unyana kaPuwa umzukulwana kaDodo. Yena wayengowendlu kaIsakare, emi eShamire kweleentaba kwaEfrayim.