Judges 10:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza lwakwelelisa otixo basemzini kwa pakati kwalo, lwamkonza uyehova: wada umpefumlo wake wadana pezu kwosizi lwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Basusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova; waza umphefumlo wakhe waba buhlungu ngenxa yokutshatyalaliswa kukaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asuke ke amaSirayeli abalahla oothixo basemzini, akhonza uNdikhoyo; waza ke yena wahlabeka ngenxa yokubandezeleka kwamaSirayeli.