Judges 10:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku usapo luka‐Sirayeli lwabuya lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwakonza o‐Bali, no‐Hashetorete, notixo base‐Siriya, notixo base‐Tsidone, notixo base‐Mowabi, notixo bosapo luka‐Hamoni, notixo bama‐Filistiya, bamshiya uyehova, bengamkonzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali, nooAshtaroti, noothixo bakwa-Aram, noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, abamkhonza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali, nooAshtoreti, noothixo bakwa-Aram, noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo boonyana baka-Amon koonyana baka-Amon. Oothixo bamaFilisti bamfulathela uYehova, abamkhonza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.