Judges 10:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako usapo luka‐Hamoni lwawela i‐Yoredane ukuya kulwa kwa ngakubo o‐Juda, nangakubo o‐Benjamine, nangakuyo indlu ka‐Frayime; baza o‐Sirayeli baxinezeka kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, baya kulwa noYuda noBhenjamin, nendlu kaEfrayim; wabandezeleka kunene uSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ama-Amon ada ayiwela iJordan, ahlasela kwelakwaJuda, kwaBhenjamin, nakwaEfrayim. AmaSirayeli ayekwenkulu inkxwaleko.