Judges 11:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ukumkani wosapo luka‐Hamoni kuzo izigidimi zika‐Jefeta: Ngokuba u‐Sirayeli, ekunyukeni kwake e‐Jipete, etabatile ilizwe lam, kwa se‐Arenone kude kwase‐Yaboki, nakude kwase‐Yoredane: ngako kaloku libuyisele elo ngoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYifeta, Kungokuba amaSirayeli alithabathayo ilizwe lam, ukunyuka kwawo eYiputa, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa eYordan;libuyise ngoxolo kalokunje.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabaphendula ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYafete, wathi, Kungokuba amaSirayeli alithabathayo ilizwe lam, ekunyukeni kwawo eYiputa, athabathela eArnon esa eYabhoki, esa eYordan; uwabuyisele eluxolweni loo mazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wama-Amon waziphendula izigidimi zikaJefta, wathi: “Ngokuya amaSirayeli ayevela eJiputa athatha umhlaba wam, ukusuka kumlambo iAnoni, ukuya kwiJabhoki, kuye kuqhina ngeJordan. Wubuyiseni ke ngoku ngaphandle kokuxambulisana.”