Judges 11:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula u‐Sirayeli watuma izigidimi kukumkani we‐Edome, ukuti: Makendicande elizweni lako; kodwa ukumkani we‐Edome ebengenakupulapula: kanjako watuma nakuye ukumkani we‐Mowabi, kodwa ebengavumi: kwa njalo u‐Sirayeli wahlala e‐Kadeshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
amaSirayeli athuma abathunywa kukumkani wakwaEdom, esithi, Makhe ndicande ezweni lakho. Ke ukumkani wakwaEdom akaphulaphulanga. Athuma nakukumkani wakwaMowabhi, naye akavumanga. Ahlala amaSirayeli eKadeshe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaSirayeli athumela abathunywa kukumkani wakwaEdom, esithi, Ndivumele ndicande ezweni lakho, akaphulaphula ukumkani wakwaEdom. Bathumela nakukumkani wakwaMowabhi, naye akavuma; yaye oonyana bakaSirayeli bahlala eKadeshe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athumela izigidimi kukumkani wase-Edom, ecela ukuba awavumele acande emhlabeni wakhe. Kodwa ke yena zange awavumele. Kwakhona athumela kukumkani waseMowabhi, acela ukuba awavumele anqumle emhlabeni wakhe, kodwa naye zange avume. Ngoko ke amaSirayeli ahlala apho eKadeshe.