Judges 11:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wahamba entlango, wazekelela ilizwe le‐Edome, nelizwe le‐Mowabi, wafika ngecala lasempumalanga lelizwe le‐Mowabi, wati waca pesheya kwe‐Arenone; kodwa babengezi pakati kwomda we‐Mowabi, ngokuba i‐Arenone ibingumda we‐Mowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ahamba entlango, alijikela ilizwe lakwaEdom nelizwe lakwaMowabhi, evela ekuphumeni kwelanga; aya ezweni lakwaMowabhi, amisa ngaphesheya kweArnon, akangena emdeni wakwaMowabhi, ngokuba iArnon ngumda wakwaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahamba ke entlango, balijikeleza ilizwe lakwaEdom nelizwe lakwaMowabhi, bafika ngasempuma kwelizwe lakwaMowabhi, bamisa iinkampu ngaphesheya kweArnon, kodwa abazange bangene kumda wakwaMowabhi ngokuba iArnon ibingumda wakwaMowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asuka ke anqumla intlango, awucezela umhlaba wase-Edom nowaseMowabhi, ada aya kufika kwimpuma yeMowabhi, ngaphesheya komlambo iAnoni. Akazange angene kwelaseMowabhi, kuba kaloku iAnoni yayingumda.