Judges 11:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umfazi ka‐Gileyadi wamzalela onyana; bada onyana bomfazi wake bakula, bamgxota u‐Jefeta, bati kuye: Akuyi kulidla ilifa endlwini kabawo wetu; ngokuba wena ungunyana womfazi wumbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umfazi waseGiliyadi wamzalela oonyana; Bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYafete, bathi kuye, Akuyi kudla ilifa indlu kabawo; ngokuba engunyana womphambukeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wayenabanye oonyana, bezalwa ngumkakhe; bathi bakukhula bamgxotha uJefta. Bathi kuye: “Wena awunakuzuza lifa kwindlu katata; kaloku uzalwa mfazi wumbi.”