Judges 11:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova utixo wo‐Sirayeli, wanikela u‐Sihone nabo bonke abantu bake esandleni so‐Sirayeli: baza bababeta: kwa njalo ke u‐Sirayeli wabamba lonke ilizwe laba‐Amori, abemi belozwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova, uThixo kaSirayeli, wamnikela uSihon nabantu bakhe bonke, esandleni samaSirayeli. Ababulala, alihlutha amaSirayeli lonke ilizwe lama-Amori abehleli kweli lizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uYehova uTHIXO kaSirayeli wamnikela uSihon nabo bonke abantu bakhe esandleni sikaSirayeli, babaxabela; yaye oonyana bakaSirayeli balithimba lonke ilizwe lama-Amori, abemi belo lizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli wamnikela ezandleni zamaSirayeli uSihon nomkhosi wakhe wonke. Ngoko ke amaSirayeli awuthimba wonke umhlaba wama-Amori awayehlala kuloo mmandla;