Judges 11:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakaloku uka umgqitise ngokulunga na u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, ukumkani wama‐Mowabi? waka wapika no‐Sirayeli na, waka walwa nabo na,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku wena ulunge ngaphezu koBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, yini na? Wakha wabambana nokubambana na yena namaSirayeli, wakha walwa nokulwa na yena nawo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ulungile na wena kunoBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi? Ngaba wakha walwa namaSirayeli, okanye wakha walwa nawo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba wena ungcono kunoBhalaki unyana kaZipora, ukumkani waseMowabhi? Andithi yena zange acele mngeni kuSirayeli! Wakha walwa nathi kakade?