Judges 11:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa o‐Sirayeli bahlala e‐Heshebone nakuwo amagxamesi ayo, nase‐Harohere nakuwo amagxamesi ayo, nakuzo zonke izixeko ezisemacaleni ase‐Arenone, iminyaka imakulu matatu? kunganina ke ukuba ningazihlangulanga pakati kweloxesha?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuhlaleni kwamaSirayeli eHeshbhon nasemagxamesini ayo, naseArohere nasemagxamesini ayo, nasemizini yonke esemacaleni eArnon iminyaka emakhulu mathathu, ibiyini na ukuba ningayihlanguli ngelo xesha?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoxa amaSirayeli ayehlala eHeshbhon neziseko zayo neArohere needolophana zayo nazo zonke izixeko ezikunxweme lolwandle lwaseArnon iminyaka engamakhulu amathathu? bekutheni ukuze ungababuyiseli ngoko?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamakhulu amathathu eminyaka uSirayeli emi eHeshbhon naseAruri nakwiidolophu ezikuloo mmandla, ngokunjalo nakwizixeko eziphezu komlambo iAnoni. Ubukade uwuyekeleni lo mhlaba?