Judges 11:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako mna andikwonanga wena, nguwe ke owenza kum okukohlakeleyo, ngokunga ungalwa nam. Uyehova, umgwebi, makagwebe namhla pakati kwosapo luka‐Sirayeli nosapo luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam.UYehova uMgwebi makagwebe namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam; uYehova uMgwebi uya kugweba namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi bo, andikhange ndikwenze nto mna! Nguwe onxaxhayo ngokundihlasela. UNdikhoyo uMgwebi makagwebe ngokwakhe namhlanje phakathi kwamaSirayeli nama-Amon.’ ”