Judges 11:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula umoya kayehova weza pezu kwo‐Jefeta, waza wacanda e‐Gileyadi nase‐Manase; wacanda nase‐Mitsipe yase‐Gileyadi, wesuka e‐Mitsipe yase‐Gileyadi, wadlulela kulo usapo luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoya kaYehova wamfikela uYifeta, wacanda eGiliyadi nakwaManase, wacanda naseMizpa yaseGiliyadi; wesuka eMizpa yaseGiliyadi, wabangenela oonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza umoya kaYehova wehla phezu koYafete waza wadlula eGiliyadi nakwaManase wadlula eMizpa aseGiliyadi waza wadlula eMizpa yaseGiliyadi waya koonyana baka-Amoni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uJefta wafikelwa nguMoya kaNdikhoyo. Wanqumla iGiliyadi nommandla wakwaManase, waya kutsho eMizpa eGiliyadi, waza ke waphuma apho waya kuhlasela ama-Amon.