Judges 11:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walubeta ke kwa se‐Harohere kude kwafikwa e‐Minite, izixeko ezimashumi mabini, nakude kwase‐Abele‐keramime, ngesibulalo esikulu kunene. Lwaza lwatotyiswa usapo luka‐Hamoni pambi kwosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wababulala kakhulu kunene, kwathabathela eArohere kwada kwaya eMiniti, imizi emashumi mabini, kwesa eAbhele-keramim.Bathotywa oonyana baka-Amon phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababulala ngogonyamelo olukhulu ukususela eArohere ukusa eMiniti, izixeko ezingamashumi amabini ukuya kutsho kwiNtlango yezidiliya. Bathotywa ke oonyana baka-Amon phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawavuthulula ukusuka eAruri ukuya eMiniti; yaba ngamashumi amabini ezixeko ukuya kutsho eAbhele-keramin. USirayeli wawangenela kwajub' ugodo, oyisakala ama-Amon.