Judges 11:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Jefeta weza e‐Mitsipa endlwini yake; kekaloku bona ke, intombi yake yapuma ukuza kumkaulela inentambula nemidudo; yona ibikupela kwomntwana wake; kwaye kungeko kuye omnye evela kuye, unyana nantombi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika uYifeta eMizpa endlwini yakhe; nantso intombi yakhe iphuma iza kumkhawulela, inengqongqo ingqungqa; yaye ikuphela komntwana wakhe, ngaphandle kwayo wayengenanyana nantombi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika uYafete eMizpa, yaphuma intombi yakhe, yamkhawulela, ibetha ingqongqo, ingqungqa; yaye ekuphela komntwana wakhe; kuye ebengenanyana nantombi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJefta xa abuyayo esiya kufika emzini wakhe eMizpa, yaphuma intombi yakhe, yamhlangabeza ingqiyaza, ihamba ingqungqa, idlala intambula. Yayingumntwana okukuphela kwakhe, engenanyana nantombi ngaphandle kwakhe.