Judges 11:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabe kute, akuyibona, waṙazula ingubo zake, wati: Au, ntombi yam! unditobisile kakulu; ungowapakati kwabo bandikatazayo: ngokuba ndivulile umlomo wam kuye uyehova, ndikohlwa kukubuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi akuyibona, wazikrazulu iingubo zakhe, wathi, Yini na le, ntombi yam! Undithobile kakhulu wena ungowabandihlisele intlekele! Mna ndiwuvulile umlomo wam kuYehova; andinakubuya umva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyibona, wazikrazula iingubo zakhe, wathi, Camagu, ntombi yam! Undithobe kakhulu, ungomnye wabandoyikisayo, ngokuba ndiwuvulile umlomo wam kuYehova, andinakubuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke akuyibona wakhathazeka, waziqwenga iimpahla zakhe. Wadanduluka wathi: “Awu, mntwan' am! Ngani ukuba undenjenje ukundixhela! Nguwe ngoku isizekabani sentlungu yam? Ewe, ndifungile ndamthembisa *uNdikhoyo, ngoko ke andinakubuya ngamva!”