Judges 11:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yati kuye: Bawo! ukuba uvulile umlomo wako kuye uyehova, yenza kum njengoko kupumileyo emlonyeni wako; emveni kwokuba uyehova ukwenzele impindezelo ezintshabeni zako, elusatsheni luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kuye, Bawo, uwuvulile umlomo wakho kuYehova; yenza kum njengoko kuphume emlonyeni wakho; okunje uYehova akwenzele impindezelo ezintshabeni zakho, oonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Bawo, uwuvulile umlomo wakho kuYehova; yenza kum njengoko kuphume emlonyeni wakho; ngokuba uYehova eniphindezelele izenzo zenu, nyana baka-Amon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yathi ke yona kuyise: “Hayi, tata, xa ubumthembisile uNdikhoyo ndenze loo nto ubumthembise ukuba uya kuyenza ngam; kaloku yena ukuphumelelisile wakuphindezela ezintshabeni zakho ama-Amon.”