Judges 11:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati kanjalo kuyise: Makundenzelwe lendawo: ndiyeke inyanga zibe mbini, ukuba ndiye ndihlele ezintabeni, ndililele ubuntombi bam, mna nabalinganekazi bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kuyise, Mandenzelwe le ndawo; ndiyeke iinyanga zibe mbini, ndihambe ndihle ndiye ezintabeni, ndililele ubuntombi bam, mna nabalingane bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuyise, Makube le nto kum: Mandilinde iinyanga zibe mbini, ndinyuke iintaba, ndibulilele ubuntombi bam, mna nabalingane bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yona yacela kuyise yathi: “Kambe ke, tata, ndicela le nto yodwa: Khawundiyeke iinyanga zibe mbini, khon' ukuze ndikhe ndibhadule nabalingane bam ezintabeni, ndiyizilele into yokuba ndiza kuhlala ndiyintombi.”