Judges 11:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ekupeleni kwenyanga ezimbini, yandula yabuyela kuyise, owenza kuyo isibambiso abebambisile ngaso; yaingayazi ke indoda. Kwaza kwaba lisiko kwa‐Sirayeli,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ekupheleni kweenyanga ezimbini, yabuya yeza kuyise, wasenzela kuyo isibhambathiso sakhe, awayesibhambathisile; ke yona yayingazani nandoda. Yaba lisiko kwaSirayeli ukuthi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni kweenyanga ezimbini, wabuyela kuyise, wenza kuye ngokwesifungo sakhe, abesithethile; kwaye wayengazi mntu. Yaba lisiko elo kwaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zakuphela iinyanga ezimbini yabuyela kuyise, waza ke yena wenza ngokwesibhambathiso sakhe kuNdikhoyo. Ngoko ke yahlala iyintombi nto. Saqala kanjalo ke esi sithethe sakwaSirayeli