Judges 11:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Jefeta wati kubo abadala base‐Gileyadi: Aninditiyanga na nina, nandigxota endlwini kabawo? yinina ke ukuba nize kum kaloku, nxa nisebunzimeni?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyayo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYafete kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini na abandithiyayo, bandigxotha endlwini kabawo? nize kum ngoku nibandezelekile?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”