Judges 12:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku amadoda akwa‐Frayime ebebizelwa ndawonye, awela aya ngasenode, ati ku‐Jefeta: Yinina ukuba wadlula ukuya kulwa ngakulo usapo luka‐Hamoni, ungasibizanga tina siye nawe? indlu yako soyitshisa pezu kwako ngomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ahlatyelwa umkhosi eza amadoda akwaEfrayim, awela aya entla, athi kuYifeta, Ibiyini na ukuba ugqithe uye kulwa noonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? Siya kuyitshisa ngomlilo indlu yakho phezu kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ahlanganisana amadoda akwaEfrayim, aya entla, athi kuYafete, Yini na ukuba ubaxabele oonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? siya kuyitshisa indlu yakho phezu kwakho ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wona amaEfrayim axhobela imfazwe, aza aphuma aya eZafoni, afika athi kuJefta: “Bekungani ukuba ungasibizi thina xa usiya kulwa nama-Amon? Uyabona ke ngoku siza kuyitshisa indlu yakho wena uphakathi kuyo!”