Judges 12:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayenonyana abamashumi mane, nonyana bonyana abamashumi matatu, abakwela pezu kwamatole amaqwaṙashe angamashumi asixe̔nxe: wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yasibozo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waye enoonyana abamashumi mane, noonyana boonyana abamashumi mathathu, abakhwela kumaesile amatsha amashumi asixhenxe. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esibhozo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayenoonyana abamashumi mane, nabazukulwana abamashumi mathathu, ababekhwele iimazi zamaesile ezimashumi mathandathu; yaye wabakhokela oonyana bakaSirayeli iminyaka esibhozo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena ke wayenoonyana abamashumi mane nabazukulwana abangoonyana abamashumi mathathu; babekhwele iidonki ezimashumi asixhenxe. Ke uAbdon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka esibhozo.