Judges 12:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Jefeta kuwo: Mna nabantu bam sibe sinempikiso enkulu nosapo luka‐Hamoni; ndaza ndabiza nina, kodwa anandisindisa esandleni salo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYafete kubo, Mna nabantu bam sasibambene kakhulu noonyana baka-Amon; ndakubiza, anandihlangula esandleni sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJefta waphendula wathi: “Hayi kaloku, thina nabantu bam sasuka saxabana nama-Amon, saza sathi sakunibiza ukuba nize kusihlangula nasuka anasabela.