Judges 12:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati ndakubona ukuba anandisindisa, ndabeka umpefumlo wam esandleni sam, ndadlula ndaya kulo usapo luka‐Hamoni; waza uyehova walunika esandleni sam: ngako kunganina ukuba ninyukele kum namhla nje, ukuza kulwa nam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawunikela umphefumlo wam esandleni sam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon, uYehova wabanikela esandleni sam; kungenxa yoko le nto nize kum namhlanje ukuba nilwe. Mna?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithe ke ndakuqonda ukuba anizi, ndasuka ndazilahlela, ndawuwela umda, ndaya kulwa, waza ke *uNdikhoyo wawanikela ezandleni zam. Ngani ukuba ngoku nina nifune kum?”