Judges 12:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jefeta wahlanganisa onke amadoda ase‐Gileyadi, walwa nama‐Frayime: aza amadoda ase‐Gileyadi abeta ama‐Frayime, ngokuba ebesiti: Nina ningabasindileyo bama‐Frayime; ama‐Gileyadi epakati kwe‐Frayime ne‐Manase nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawahlanganisa ke uYafete onke amadoda aseGiliyadi, walwa noEfrayim; amadoda aseGiliyadi amoyisa uEfrayim, ngokuba ebesithi, Nina, madoda aseGiliyadi, nasabayo ezweni lakwaEfrayim, naphakathi kwamaEfrayim namaManase.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uJefta wawaqokelela amaGiliyadi, walwa nawo amaEfrayim, wawoyisa. (AmaEfrayim ke athi: “Nina maGiliyadi niziimbacu eziphuma kwaEfrayim nakwaManase.”)