Judges 12:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ama‐Gileyadi apangela ama‐Frayime ukubamba amazibuko ase‐Yoredane: kwaza kwati, nxa abasindileyo bama‐Frayime bati: Mandiwele; andula amadoda ase‐Gileyadi ati kuye: Ungum‐Frayime na? Ukuba wati: Hai;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaGiliyadi awaphangela amaEfrayim ngokuvingca amazibuko eYordan. Babesithi abasabileyo bakwaEfrayim bakuthi, Mandiwele, athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ubesithi akuthi, Hayi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaGiliyadi athabatha inxalenye yeYordan phambi koonyana bakaEfrayim; Athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ukuba uthe: Hayi!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku amaGiliyadi avingca amazibuko eJordan, khon' ukuze amaEfrayim angaweli asabe. Kuthe ke, yakufika imbacu yakwaEfrayim, isithi kumaGiliyadi: “Khanindivumele ndiwele,” ayibuze athi: “Akunguye kodwa umEfrayim?” Ukuba iphendule yathi: “Hayi,”