Judges 12:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
andula ati kuye: Yiti ke i‐Shibolete; kodwa wati i‐Sibolete; ngokuba ebengenakulungisa ukuteta njalo. Aza ambamba ambulala ngasemazibukweni ase‐Yoredane. Kwawa ke ngeloxesha kuwo ama‐Frayime amawaka angamashumi mane anamabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
athi kuye, Khawuthi, Shibholete; wathi yena, Sibholete, engalungisi ukulibiza ngokwenjenjalo; asuke ambambe, amsike emazibukweni eYordan. Kwawa ke ngelo xesha kumaEfrayim amawaka angamashumi omane anamabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuye, Yithi, Sibholete, wathi, Sibholete, ngokuba engakwazi ukuthetha kakuhle. Bandula ke bambamba baza bambulalela eYordan, yaye ngelo xesha kwakukho amashumi amane anesibini amawaka akwaEfrayim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
amaGiliyadi ayesithi kuye: “Khawuthi: ‘Shibholethi.’ ” Ukuba ungumEfrayim ebesuka angakwazi ukulibiza eli gama, koko athi: “Sibholethi.” Ayesuka amtsibele umntu lowo, ambulale apho ezibukweni leJordan. Ngelo thuba ke kwabulawa amaEfrayim angamashumi amane anambini amawaka.