Judges 12:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Jefeta wagweba o‐Sirayeli iminyaka yamitandatu. Wada wafa u‐Jefeta um‐Gileyadi, wancwatywa ezixekweni zase‐Gileyadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYifeta wawalawula amaSirayeli iminyaka yamithandathu. Wafa ke uYifeta umGiliyadi, wangcwatyelwa komnye wemizi yaseGiliyadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYafete wawakhokela amaSirayeli iminyaka emithandathu. Wafa uYafete waseGiliyadi, wangcwatyelwa komnye umzi waseGiliyadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaba yiminyaka emithandathu uJefta eyinkokheli kwaSirayeli, waza ke wasweleka, wafihlwa ekhayeni lakhe eGiliyadi.