Judges 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ingelosi kayehova yati ku‐Manoha: Ukuba uyandibambezela, andiyi kutya kukudla kwako; nokuba uya kwenza idini lokutshiswa, wolinikela kuyehova. Ngokuba u‐Manoha ebengazi ukuba iyiyo ingelosi kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba uthe wandinyamekela, andiyi kudla isonka sakho; yaye ukuba uyafuna ukuthabatha umnikelo otshiswayo, uwuse kuYehova. Kuba uManowa wayengazi ukuba yingelosi kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke sathi kuye: “Nokuba ndingade ndihlale, sobe ndikutye ukutya kwakho. Into ongayenzayo wena kukwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.” Kaloku uManowa wayengaqondi ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi athetha naso.