Judges 13:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba bekute, xeshekweni ilangatye lenyuka kuso isibingelo ngasezulwini, yandula ingelosi kayehova yenyuka elangatyeni lesibingelo. Bati u‐Manoha nomfazi wake, bakubona oko, bawa ngobuso babo ngasemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lenyuka ilangatye lisuka esibingelelweni, lisiya ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo. uManowa nenkosikazi yakhe bayijonga bawa ngobuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi wakudangazela umlilo apho eqongeni, unyuka usiya ezulwini, uManowa nomkakhe basibona isithunywa sikaNdikhoyo sinyuka ngelo langatye, baza baziphosa emhlabeni. Abaphindanga ke basibone isithunywa eso.