Judges 13:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umfazi wake wati kuye: Ukuba uyehova ebetanda ukusifisa, ngaengalamkelanga ezandleni zetu idini lokutshiswa nomnikelo wokudla; kanjalo ngaengasibonisanga zonke ezizinto, nangelixesha ngaengasivisanga izinto ezinjengezi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; ange engasibonisanga zonke ezi zinto; ange engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu nedini elinyukayo, angavumi ukuba sizibone zonke ezi zinto, njengoko kunjalo namhla khange.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena umkakhe waphendula wathi: “Ukuba uNdikhoyo ebefuna ukusibulala ngengalamkelanga idini lethu elitshiswayo nomnikelo wethu wokutya; futhi ngengasibonisanga okanye asixelele izinto ezinje.”