Judges 13:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada umfazi lowo wazala unyana, wabiza igama lake ngo‐Samsone: wakula ke umntwana, wati uyehova wamtamsanqela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson.Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson; wakhula umntwana, uYehova wamsikelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku umka-Manowa wafumana umntwana oyinkwenkwe, baza bayithiya igama elinguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uNdikhoyo wayithamsanqela.