Judges 13:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba, bona ke, uya kumita, uzale unyana; kanjalo isitshetshe sokugugula asiyi kunyuka pezu kwentloko yake: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri katixo kwa sesizalweni; waye yena eya kuqala ukusindisa o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uyabona, uya kumitha, azale unyana; ize ingabi nencakuba entlokweni yakhe; ngokuba unyana lowo uya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni yaye uya kuqalisa ukumhlangula uSirayeli esandleni samaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke yena ze zingaze zichetywe iinwele zentloko yakhe, kuba kaloku le nkwenkwe iya kuba *lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho. Yiyo eya kuqala ukuhlangula amaSirayeli kumaFilistiya.”