Judges 13:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wangena umfazi lowo, watsho kuyo indoda yake ukuti: Kweza indoda katixo kum, ekubonakala bekunjengokubonakala kwengelosi katixo, okwoyikekayo kunene; kodwa andiyibuzanga ibivela pina, negama layo ayilixelanga kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke umfazi weza wathi endodeni yakhe: “Lo mntu kaTHIXO oyinyaniso uze kum, nembonakalo yakhe yayinjengobuso bengelosi kaTHIXO oyinyaniso, yoyikeka kakhulu; andimbuzanga apho avela khona, akandixelelanga negama lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mfazi ke waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Ndibone ndifikelwa ngumfo wakwaThixo onenkangeleko yesithunywa sikaThixo; uyoyikeka kakhulu. Andimbuzanga apho avela khona, engandixelelanga negama lakhe.