Judges 13:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yati kum: Bona ke, uya kumita, uzale unyana; ngako kaloku ungaseli iveyine notywala, ungadli nanye into enco̔lileyo: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri katixo kwa sesizalweni kude kube ngumhla wokufa kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo, kwasesizalweni, kude kube ngumhla wokufa kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sayo, kude kube ngumhla wokufa kwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe kum: ‘Ùyabona, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke ngoko uzungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo, kuba le nkwenkwe iya kuba lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho, kude kube yimini yokufa kwayo.’ ”