Judges 13:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Manoha watandaza kuyehova, wati: Ke, Nkosi! indoda katixo owabuyituma makeize kanjako kuti, isifundise ukuba siya kwenza nto nina kulomntwana oya kuzalwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Camagu, Nkosi yam;umntu kaThixo owamthumayo makakhe abuye eze kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Nkosi yam, lo mfo wakwaThixo umthumileyo, makabuyele kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uManowa wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ngxe, Nkosi yam, khawuphinde umthumele umfo wakwaThixo obumthumile, eze kusifundisa ukuba siyiphathe kanjani na inkwenkwe leyo yakuvela.”