Judges 14:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesihla uyise waya kwinkazana leyo: kanjalo u‐Samsone wenza kona isidlo, ngokuba amadodana ebenokwenje njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla ke uyise waya kuloo nkazana; uSamson wenza umsitho khona; ngokuba abesenjenjalo amadodana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla ke uyise waya kuloo nkazana, uSamson walungisa ukudla khona; ngokuba abafana babedla ngokuyenza loo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyise ke waya apho ebukhozini bakhe, waza yena uSamson wenza umbhiyozo khona, njengoko elo yayilisiko ababeqhuba ngalo abafana.