Judges 14:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomhla wesixe̔nxe, bandula bati kumfazi ka‐Samsone: Zinga indoda yako, ukuba ityile kuti esosintsonkotelo, hleze sitshise wena nendlu yoyihlo ngomlilo: nisimemile na ukuba nisidle? akunjalo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimemele ukuba nisihlwempuzise na?Akunjalo na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesixhenxe, bathi kumkaSamson, Yizame indoda yakho, isixelele loo mfihlelo, singakutshisi wena nendlu kayihlo; usibizele ukuba sizothatha into esinayo? Ngaba akunjalo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngosuku lwesine ke bathethe nomtshakazi bathi: “Khawusincede ucenga-cengane nendoda yakho, ikuxelele eli qhina. Kungenjalo siza kuyitshisa le ndlu kayihlo, nitshele khona. Kakade ngaba nisimemele apha ukuze nisikhuthuze?”