Judges 14:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza walila umfazi ka‐Samsone pambi kwake, wati: Uyanditiya kodwa, akunditandi; unikele onyana babantu bam isintsonkotelo, kanti akusityilanga kum. Wayesiti kuye: Bona ke, andisityilanga kubawo nakuma̔, ngendisityila kuwe na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndicombululele wena na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
UmkaSamson walila phezu kwakhe, wathi, Undithiyile, akundithandi; Ubenzele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandixelela noko. Athi kuye, Uyabona, ezo zinto andizanga ndimxelele ubawo noma;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umtshakazi lowo waya selenyembezana kuSamson, wafika wathi: “Hayi, kucacile ukuba awundithandi, undithiyile! Usuka wenzele amawethu iqhina, kodwa mna akundixeleli ukuconjululwa kwalo!” Waphendula ke yena wathi: “Ndingathini ukuxelela wena ndingekabaxeleli utata nomama?”