Judges 14:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walila ke pambi kwake lomihla isixe̔nxe babenesidlo ngayo: kwada kwati ngomhla wesixe̔nxe, wamtyilela, ngokuba wamjokayo: waza wabatyilela onyana babantu bake isintsonkotelo eso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo.Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile.Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walila phambi kwakhe imihla esixhenxe, emthendelekweni wabo; Wamxelela ngomhla wesixhenxe, ngenxa yokuba emonile; wabaxelela abantwana babantu bakowabo loo mfihlelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi ke, umtshakazi walilela umyeni wakhe zonke ezo ntsuku zomtshato. Wada woyisakala ngolu lwesixhenxe umyeni, wamxelela, kuba kucaca ukuba umhlalise manzondololwana. Ke umtshakazi lowo waya kuhlebela abafana bakowabo.