Judges 14:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula amadoda esixeko ngomhla wesixe̔nxe, lingekatshoni ilanga, ati kuye: Kuyinto nina okumnandi pezu kwobusi? kuyinto nina okukalipileyo pezu kwengonyama? Wayesiti kuwo: Ukuba beningapulushanga ngetokazi lam, ngeningasifumananga isintsonkotelo sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi?Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo, Ukuba beningalimanga ngethokazi lam, Ngeningalifumananga iqhina lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, athi kuye amadoda aloo mzi, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kubo: Ukuba beningalimanga ngenkomo yam, ngeningayifumananga imfihlo yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ngosuku lwesixhenxe, lingekatshoni ilanga, abafana abo beza kuSamson, bafika bathi: “Yintoni engaphezu kobusi ngobumnandi? Iyintoni enamandla ngaphezu kwengonyama?” USamson ke waphendula wathi: “Ukuba beningalimanga ngethokazi lam ngeningalicombululanga eli qhina.”