Judges 14:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umoya kayehova wamqubula, wasuka wehla waya e‐Ashekelone, wabulala kubo abantu amadoda angamashumi matatu, watabata ingubo zawo ezihlutyiweyo, wanika izivato zokuguqulelana kwabo babetyilile isintsonkotelo. Yaza yavuta ingqumbo yake, wenyuka waya kuyo indlu yoyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana.Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye umoya kaYehova wehla phezu kwakhe, yaye wehla waya eAshkelon waza wabulala amadoda angamashumi amathathu phakathi kwawo waza wathabatha amaxhoba awo waza wanika abo babechaza imfihlelo izambatho zabo. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSamson wambeswa amandla nguMoya kaNdikhoyo, waza wehla waya eAshkelon. Apho ke wabulala amashumi amathathu amadoda, waza wayithatha impahla yawo, wayinika abo bafana babecombulule iqhina lakhe. Ke yena wagoduka evutha ngumsindo ngenxa yale nto ihlileyo.