Judges 14:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza nyise nonina bati kuye: Akuko na inkazana pakati kwentombi zabazalwana bako, napakati kwabo bonke abantu bam, ukuba uye kuzeka umfazi kuwo ama‐Filistiya angalukileyo? Wayesiti u‐Samsone kuyise: Nditabatele yona, ngokuba ifanele emehlweni am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndizekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuye uyise nonina, Akukho mfazi na ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke, ukuba uthe wazeka umfazi kumaFilisti? Wathi uSamson kuyise, Ndithabathele yena; ngokuba undonwabisa kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyise nonina bathi: “Ngani ukuba ude uye kuthatha umfazi kumaFilistiya angalukiyo? Bekungasekho zintombi na apha phakathi kwamawethu?” Kambe ke uSamson wathi: “Ndithatheleni yona, kuba ikuphela kwentombi endifaneleyo.”