Judges 14:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyise nonina bebengazi ukuba oku bekuvela kuyehova, ukuba wafuna ituba ngakuwo ama‐Filistiya: ngokuba ama‐Filistiya ebepata ubukosi pezu kwo‐Sirayeli ngeloxesha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova xa wayefuna ithuba lokulwa namaFilisti, ekubeni ngelo xesha amaFilisti ayelawula uSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyise nonina babengaqondi ukuba le nto inomnwe kaThixo; kaloku uThixo wayefuna isizathu sokulwa namaFilistiya. Ngelo thuba kaloku amaSirayeli ayephantsi kwamaFilistiya.