Judges 14:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati emva kwemihla etile wabuya ukuba ayizeke; waza wapambuka ukuya kubona isidumbu sengonyama; kekaloku nali ibubu lenyosi nobusi esidunjwini sengonyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya weza kumthabatha, wajika, wasibona isidumbu sengonyama; nantso inkitha yeenyosi nobusi emzimbeni wengonyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwethutyana ke waya kuyithatha ibe ngumfazi wakhe. Apho endleleni ke wakha wacebuka, kuba efuna ukuqonda ngaloo ngonyama wayeyibulele. Suka ke wayifumana selilibubu leenyosi elinobusi.