Judges 15:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute emva kwemihla etile, ngemihla yokuvunwa kwenqolowa, wandula u‐Samsone watyelela kumfazi wake ngetakane lebokwe, wati: Ndiya kungena kumfazi wam enkambilini. Kodwa uyise ebengamvumeli ukuba angene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuba ntsuku, ngexesha lokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; Athi: ndizongena nomfazi wam ekamereni. Akavuma uyise ukuba angene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uSamson watyelela umkakhe xa kuvunwa ingqolowa. Wahamba eqhuba ibhokhwe. Wafika wathi kumkhwe wakhe: “Ndifuna khe ndiye egumbini lomkam.” Kambe ke yena wala,