Judges 15:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amadoda akwa‐Juda ati: Yinina ukuba ninyukile ngakuti? Ati ke: Sinyukile ukuze simnxibe u‐Samsone, senze kuye njengokuba enze kuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba nisihlasele? Athi, Sinyuke, siya kubopha uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amadoda akwaJuda abuza athi: “Kutheni le nto nize kusihlasela?” AmaFilistiya aphendula athi: “Size kubamba uSamson; sifuna ukumvisa le nto asivise yona nathi.”