Judges 15:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka ehla amawaka matatu amadoda akwa‐Juda, aya emweweni weliwa le‐Hetame, ati ku‐Samsone: Akwazi na, ukuba ama‐Filistiya apata ubukosi pezu kwetu? yinto nina le uyenzileyo ngakuti? Wayesiti kuwo: Njengokuba ebesenza kum, ndenje njalo kuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ehla amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya emqhokrweni wengxondorha yase-Etam, athi kuSamson, Akwazi na ukuba amaFilisti ayasilawula? Yintoni na le usenze yona? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenze ngako nam kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Enyuka amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya engxondorheni yase-Etam, athi kuSamson, Awazi na ukuba amaFilisti asilawule? usenze ntoni? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenze ngako nam kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaphuma amawaka amathathu amadoda apho kwaJuda, aya emqolombeni e-Etam, afika athetha noSamson, athi: “Ungathini ukusenza into enje? Akuyazi into yokuba siphantsi kwamaFilistiya?” Ke yena wathi: “Hayi, mna ndiwavise le nto ebendivise yona nawo.”