Judges 15:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wanxanwa kakulu, wabiza kuyehova, wati: Wena unikile olusindiso olukulu esandleni sesicaka sako nje, ndiya kufa kaloku ngenxanwa na, ndiwe esandleni saba bangalukileyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena unike ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena usinike olu sindiso lukhulu esandleni somkhonzi wakho, kwaye ngoku ndiya kufa lunxano ndiwele ezandleni zabangalukanga?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamson wasuka wanxanwa gqitha, waza wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Mna sicaka sakho olu loyiso ndilufumene ngawe; ngani ke ngoku ukuba ndide ndife lunxano, ndibe sisisulu sezi ntlanga?”